Cover Image

Imela Igobel’esandleni: Idrama, Imibongo & Amabali Amafutshane

Lo mdlalo ubuhlungu kangaka wenzeka kwenye yemizi yakwaNyawuza eXhorha kwilali yaseThungwana.”Imela igobel’esandleni” La ngamazwi aphume kwinkosikazi uNolwando ezibona ilahlekelwa ngumntwana nempilo yayo ngenxa yomona.

UZungula waswelekwa ngumfazi wakhe enomntwana ominyaka mihlanu kuphela ogama linguYanga, waza wazeka umfazi wesibini uNolwando. UNolwando wafumana abantwana abathathu uLisa, uSiseko kunye nenkwenkwe enguLoyiso.

Uthe esabukele oonyana bakhe uZungula waqutyulwa yingulo emfutshane, yamthumela kwelemimoya. Intlalo ayizange ibentle kwaphela kuYanga akuba ebhubhile uyise kangangokuba wayecaca gcaa nase sidengeni ukuba uyahlukumezeka.

Kuloo ntlalo ikrakrayo wanyamezela uYanga ethobekile esenza yonke imisebenzi yasekhaya nkqu neyamantombazana. Esikolweni wayephumelela emagqabini unyana kaZungula ethandwa ziititshala zonke nto leyo eyayimana kuyiquma intsokolo yakhe. Kanye xa ezakuqala ukuxelenga unina omncinci wanyukwa ngumona wagqiba ekubeni athenge ityhefu eza kumgqithisa amafu uYanga, kodwa ke ngelishwa akabikho ekhaya loo mini uLoyiso olithunjana likaNolwando watya oko kutya kunetyhefu engazi wasweleka umntwana emsulwa enjalo. Yamhlukumeza le meko uNolwando naye akaphila xesha lide waluphala.

Authors:
Phiwokuhle Phiwe Dekisile

Product details

Chapters

  • Icandelo A: Umdlalo Ondima Nye
  • Icandelo B: Amabalana Amafutshane
  • Icandelo C: Imibongo

References

Published
October 15, 2023

Details about the available publication format: PDF

PDF
ISBN-13 (15)
9781776460656
Date of first publication (11)
2023-10-15

Details about the available publication format: EPUB

EPUB
ISBN-13 (15)
9781776460663
Date of first publication (11)
2023-10-15

Details about the available publication format: Paperback

Paperback
ISBN-13 (15)
9781776460649
Date of first publication (11)
2023-10-15
Physical Dimensions
152.4mm x 228.6mm x 6.22mm

How to Cite

Dekisile , P. P. (2023). Imela Igobel’esandleni: Idrama, Imibongo & Amabali Amafutshane. UJ Press. https://doi.org/10.36615/9781776460656